ROBBEN ISLAND Dr Francis Thackeray Kunye neenguquko kwimo yezulu yamandulo IRobben Island ibingasolokongo isisiqithi. Njengokuba imo yezulu itshintsha namhla nje, mandulo ibitshintsha ngalendlela, kaninzi lento ibisenzeka ngaphezu kokuba isenzeka kwelixesha. Ikakhulu xa imo yezulu emhlabeni ishushu ngaphezu kwa namhla nje, umkhence omninzi kwiNorth nakwi South poles ubenyibilika, ukuze inqanaba lamanzi olwandle linyuke kuyo yonke indawo emhlabeni. Kungenjalo, xa kutshintshe kwabanda emhlabeni okanye xa kubande ngaphezu kokuba kubanda kwezi ntsuku, amanzi amaninzi kwiilwandle zomhlaba ebebambeka abengumkhenkce kwiiPoles, ukuze inqanaba lamanzi olwandle lehle. Ikhona indlela yokuqikelela ukuba amanqanaba amanzi olwandle ebetshintsha njani eTable Bay, kufutshane neCape Town, kwaye ikhona nendlela apho kungasetyenziswa olulwazi kunye nolo lobunzulu lolwandle kulemihla (ibathymetric measurements) eTable Bay, ukuze ukutshintsha-tshintsha kwimo zasemhlabeni kwiminyaka eyi 15, 000 edlulileyo ibonakaliswe. Iziphumo ezifumaneke kuphando lokuqala lubonisa ukuba kwiminyaka emalunga ne 10, 000 edlulileyo bekukho umhlaba odibanisa iRobben Island kunye ne Afrika yonke. ( Umntu angathi lomhlaba yi "Yindlela emfutshane eya eNkululekweni"). Lo mhlaba ubekho ngokuba imo yezulu ibibanda kunamhla nje. Kwiminyaka eyi 15, 000 edlulileyo, ii polar ice caps benkulu kunamhlanje, ukuze umhlaba owaziwa njenge "Robben Island" kulemihla abeyinduli encinane(i "koppie") emhlabeni waseAfrika obesuka emazantsi eTable Mountain ukuya kufika kwimimandla yelwandle esentshona yemimandla yanamhla nje. Lemifanekiso ilandelayo ibonisa ukuba lento yenzeke njani eTable Bay kwiminyaka e 15, 000 edlulileyo. Imifanekiso isikhumbuza ukuba amanqanaba amanzi olwandle ayatshintsha xa kutshintsha iimo zezulu emhlabeni kunye nomkhenkce kwiiPoles. Ukuba ukufudunyezwa komhlaba kuyaqhubeka kule minyaka izayo, singabona inqanaba lamanzi olwandle linyuka lize lifumane abantu abahlala ngaselwandle emhlabeni wonke.
|